16 Ubeka phi ke yena umntu eyinto elisikizi ephuthileyo nje?Kuxa engubani esela uluchwe lobubi nje oku kwamanzi?
17 “Khawuphulaphule ndikhe ndikuxelele,ndikwazise izinto endizibonileyo.
18 Nditsho ezo zaxelwayo zizilumkonjengoko zona zingafihlelwanga ngamanyange.
19 Kaloku wona eli lizwe alinikwa laba lelawo odwakungekho maveza-ndlebe.
20 Isikhohlakali sihlala sibhinyalaza singcungcutheka yonke imihla yaso;ewe, bunjalo ke bonke ubomi bomntu ongqwabalala!
21 Kaloku sisoloko sisothuswa yingxolo esezindlebeni zaso;size sihlaselwe xa sizicingela ukuba sikhuselekile.
22 Asinathemba lakuphuncula ebumnyamenikuba sihleli silindelwe likrele.