5 Ukuthetha kwakho sekulawulwa bubugwenxa;ulwimi lwakho luvuza amaqhinga.
6 Wena awugwetywa nandim, koko ngumlomo wakho,ngamazwi akho kanye akugwebayo.
7 “Nguwe na umntu wokuqala ukuzalwa?Ngaba wavela kungekabikho neentaba ezi?
8 Ngaba wawukho kwigqugula likaThixo?Ngani ke ukuba ububange kangaka ubulumko?
9 Zinto zini ezi zaziwa nguwe wedwa singazaziyo thina?Ngaba kukho izinto eziyintsonkotha ezicace kuwe wedwa?
10 Thina sineengwevu namadoda amakhulu,amadala nditsho nakuyihlo.
11 Kutheni ukuba unganeli yintuthuzelo kaThixo,okanye ngala mazwi sikubongoza ngawo?