1 Ke uYobi waphendula wenjenje:
2 “Zonke ezi zinto nindixelela zona sendikhe ndaziva ngaphambili;inene, xa ninonke ningabathuthuzeli abangento.
3 Ngaba le ntshwaqane yenu ayinasiphelo?Nomelezwa yintoni kangaka engxoxweni?
4 Nam bendingathethayo ngolo hlobo xa ibinini abakule meko ndikuyo;bendiya kuthetha nani ndimana ndichan' amagama,ndide ndimane ndihlunguzela intloko.
5 Bendiya kunomeleza ngamacebiso,ndinithuthuzele ngamazwi alalanisayo.
6 “Kambe ke, nokuba ndiyathetha, intlungu le ayisuki;kanti ke nokuba ndithule, kusafana.