4 Nam bendingathethayo ngolo hlobo xa ibinini abakule meko ndikuyo;bendiya kuthetha nani ndimana ndichan' amagama,ndide ndimane ndihlunguzela intloko.
5 Bendiya kunomeleza ngamacebiso,ndinithuthuzele ngamazwi alalanisayo.
6 “Kambe ke, nokuba ndiyathetha, intlungu le ayisuki;kanti ke nokuba ndithule, kusafana.
7 Hayi ke, ngoku uThixo undiqobile;usapho lwam uluvuthulule bhuqe!
8 Ndifunyenwe nguye, kwaza oko kwaba bubungqina bokundityhola;ukonakala komzimba wam bubungqina obundidobelelayo.
9 Ngale ngqumbo yakhe undiqwengile wandenzakalisa;undisinekele ngaloo mazinyo akhe;yena mchasi wam uyandijamela.
10 Abantu bathetha ngam bendigxeka;bandimpakaza esidleleni ngengcikivo,bebonke badibana ngokundichasa.