11 Imihla yam iphelile, namacebo am achithakele,ngokunjalo neminqweno yam ivuthulukile.
12 Ubusuku bathi yimini;kanti xa kuhlwayo bathi sekuza kusa.
13 Uthi ke, xa ndingasuka ndithi elabafileyo likhaya lam,ndize ndizandlalele kwamnyama-ndawo,
14 okanye ke, xa ndinokuthi ingcwaba ngubawo,ndize ndithi iimpethu ngumama nodade wethu:
15 liphi ke ithemba lam,ingubani khona onokundibonelela?
16 Ngaba bendinokuhla nalo na ndiye emasangweni elabafileyo?Bendinokuhla nalo na, ndiye kuphumla nalo eluthulini?”