4 Kaloku iingqiqo zabo uzithe lwale ngokungaqondi;ngoko ke mabangandoyisi.
5 Kaloku umntu ongcothoza izihlobo zakhe ngenxa yenzuzo,abantwana bakhe baya kufa amehlo.
6 “Undenze ndaba ngundaba-mlonyeni kubantu bonke,into etshicelwa ebusweni.
7 Ngenxa yeenzingo amehlo am selede anorhatyazo;sendide ndayingcadalala ephephukayo.
8 Abo banyanisekileyo ke bamangalisiwe;ewe, abamsulwa bayakhathazeka ngenxa yabachasene noThixo.
9 Olilungisa ubambelele nkqi endleleni yakhe,ngokunjalo ke nabo bazandla zimsulwa baya besomelela ngokomelela.
10 “Kambe ke, noba niyaphinda nibuye xa ninonke,andiyi kufumana nasinye isilumko apho phakathi kwenu.