9 Olilungisa ubambelele nkqi endleleni yakhe,ngokunjalo ke nabo bazandla zimsulwa baya besomelela ngokomelela.
10 “Kambe ke, noba niyaphinda nibuye xa ninonke,andiyi kufumana nasinye isilumko apho phakathi kwenu.
11 Imihla yam iphelile, namacebo am achithakele,ngokunjalo neminqweno yam ivuthulukile.
12 Ubusuku bathi yimini;kanti xa kuhlwayo bathi sekuza kusa.
13 Uthi ke, xa ndingasuka ndithi elabafileyo likhaya lam,ndize ndizandlalele kwamnyama-ndawo,
14 okanye ke, xa ndinokuthi ingcwaba ngubawo,ndize ndithi iimpethu ngumama nodade wethu:
15 liphi ke ithemba lam,ingubani khona onokundibonelela?