1 Kwesi sithuba ke kuthathise uBhildadi, umfo waseShuwa, wenjenje:
2 “Koda kube nini untyuntya?Hayi bo, khawubuyel' ezingqondweni, nathi ke sithethe!
3 Kutheni ukuba usiphathe okwezilwanyana?Ngaba usibona siziziyatha ezinjalo?
4 Uyazenzakalisa ngalo msindo wakho.Ngaba umhlaba mawujike ube yinkangala ukungqinela ukunyaniseka kwakho?Uthi makudilik' amawa ezindaweni zawo?