16 Phants' apha iingcambu zakhe ziya koma,kanti ke wona amasebe akhe atshaze phezulu phaya.
17 Udumo lwakhe luya kutshitsha elizweni,negama lakhe lilibaleke ehlabathini.
18 Wogxothwa kweli lizwe lokukhanya, akhatshelwe ebumnyameni;ewe, uya kunikw' uphum' aphele kwelimiweyo.
19 Akayi kushiya mlibo nanzala phakathi kwamawabo;ngenene akayi kushiya nempunde le kwelakowabo.
20 Abasentshona bothi bakuyiva le ntlekele bakhamnqe;kanti ke abasempuma bothi bakuva ngesi sibetho batsho babamb' ongezantsi!
21 Kuya kuba njalo ke kwindlu yesikhohlakali.Ewe, injalo indawo yongamkhathalelanga uThixo!”