3 Kutheni ukuba usiphathe okwezilwanyana?Ngaba usibona siziziyatha ezinjalo?
4 Uyazenzakalisa ngalo msindo wakho.Ngaba umhlaba mawujike ube yinkangala ukungqinela ukunyaniseka kwakho?Uthi makudilik' amawa ezindaweni zawo?
5 “Hayi kaloku, isibane sesikhohlakali siza kucinywa,futhi ke nelangatye laso soze liphinde livuthe.
6 Ukukhanya kuya kujika kube bubumnyama endlwini yaso;ewe, isibane saso siya kucinywa.
7 Siza kuphelelwa kukunyantsula,sikhutyekiswe kwalelaso iqhinga.
8 Iinyawo zaso ziya kugaxeleka kwisabatha,size sigxalathelane siye kuthi gxwa emhadini.
9 Umgibe wosuka usithi hlasi ngesithende,usiqhoge usibambe ntshilikithi!