13 Unditsho ndabalekwa nangabantakwethu;xa kungokunje nezihlobo zam ezi zihambela phaya!
14 Okwakuzizalamane zam zindishiyile,ngokunjalo nabazalana nam bandilibele.
15 Abo babeziindwendwe zam abasandikhumbuli,nezicakazana zam azisandazele nto,sendithathwa njengowasemzini.
16 Ndakusibiza isicaka sam, asisabeli nokusabela oku,nditsho nokuba ndiyasicenga.
17 Kanti nomfazi wam weenkomo selekhutyekiswa kukuphefumla kwam;sendiliqaqa nakwabesizalo sikama.
18 Sendidelwe nangabantwana aba bembala;bathi ndakuthi gqi bakrukrutheke yintsini.
19 Endandikade ndilala ngengub' enye nabo, bayandicaphukela;ukanti nâbo ndibathandayo bandivukele.