15 Kaloku umntu okhohlakeleyo ubutyebi ubuginya ajike abuhlanze;uThixo ubugrumba nakweso sisu sakhe.
16 Isikhohlakali simfimfitha ubuhlungu bamaphimpi,buze busibinze kanye oku kobuhlungu berhamba.
17 Asihlali side sibone imilambo empompoza amanzi,okanye iintlambo ezinkcenkceza ubusi namasi.
18 Ukubulaleka kwaso kufuneka sikuncamesingakhange sikuxhamle;kaloku asilifumani ithuba lokubutya ubutyebi baso,sinambithe imveliso yokurhweba kwaso.
19 Andithi na kaloku sona saphila kukucinezela abahlelelekileyo;izindlu sizifumana singazakhanga?
20 “Kaloku ukunyoluka komntu okhohlakeleyo akunasiphelo;ulixhoba leminqweno yakhe.
21 Utya konke, angashiyi nto;ngoko ke ngoku inkqubela yakhe isuke yanqamka.