21 Utya konke, angashiyi nto;ngoko ke ngoku inkqubela yakhe isuke yanqamka.
22 Uthi xa asencotsheni yempumelelo ahlelwe ziinzima;zisuke zimfikele ngamandla iinkathazo.
23 Angatya yena ahluthe mpu,kodwa uThixo wosuka amnisele ngengqumbo yakhe,amohlwaye ngokumzisela imfazwe.
24 Xa azama ukuphepha ikrele elenziwe ngentsimbiuya kuchanwa lutolo lobhedu, lumbinze luphumele.
25 Xa elikhupha emqolo,encothula intloko yalo ekhazimlayo enyongweni,wosuka onganyelwe kukunkwantya.
26 Yonke indyebo yakhe yovuthuluka iphele,kuthi gqi umlilo ongaphenjwanga mntuutshabalalise okushiyekileyo endlwini yakhe.
27 Amazulu osuka awadandalazise amatyala akhe,ke lona ihlabathi lisuke limvukele.