9 Ababehlala bembona abaphindi bambone,futhi nendawo yakhe ingaze ibe samalama.
10 Abantwana bakhe baya kubabuyekeza abasweleyo,izandla zakhe zibuyisele ubutyebi bakhe kubo.
11 Nakuba wayefudula enamandla ngeemini zobutsha bakhe,kodwa ngoku loo mandla aya kulala eluthulini kunye naye.
12 “Inkohlakalo inganambitheka kamnandi emlonyeni wakhe,ade ayigushe phantsi kolwimi.
13 Anganamathela kuyo angavumi ukwahlukana nayo,asuke akhethe ukuhlala eyimumathile ngenkalakahla.
14 Kodwa ke oko kutya kwakhe esiswini sakhe kosuka kukrakre,kube ngathi yityhefu yephimpi.
15 Kaloku umntu okhohlakeleyo ubutyebi ubuginya ajike abuhlanze;uThixo ubugrumba nakweso sisu sakhe.