1 Ke kaloku uElifazi umfo waseTeman uphendule wenjenje:
2 “Ngaba ukhona na umntu oluncedo kuThixo?Ngaba angazuza lutho na kwinkintsela yesilumko?
3 Uthi ngaba uSomandla unolutho aluzuzayo ukuba wena ulilungisa?Khona sekusithiwa awunabala, imnceda ntoni loo nto?
4 “Ngaba uThixo angakohlwaya na ngenxa yokuba umthobela,aze akumise enkundleni?
5 Akungebi ngokuba wone gqitha,nobugwenxa bakho bungenasiphelo?
6 Kaloku wena amawenu uwamisele isibambiso ngaphandle kwesizathu;ude uwohluthe nempahla yawo yokunxiba, asale eze.