12 “Andithi na kaloku uThixo yena uhlala emajukujukwini amazulu?Neenkwenkwezi ngokwazo kuloo malenga-lenga zikuwo yena uzivelele.
13 Ube ke wena usithi: ‘Wazi ntoni uThixo?Esithwe ziingqimba zamafu nje, angasigweba njani?’
14 Uthi: ‘Akaboni; uvalelwe ngamafu;kuphela uhamba-hamba phaya esibhakabhakeni.’
15 Ngaba usazimisele ukuhamba indlela yamandulo,ulandele ikhondo labantu abakhohlakeleyo?
16 Kaloku bona baxhwilwe kwangaphambi kwexesha labo;izikhukula zemka neziseko zabo.
17 Aba ngabo babesithi kuThixo: ‘Suka kuthi.Angasenza ntoni na uSomandla?’
18 Kambe ke ikwanguye ozalisa imizi yabo ngobuqhele-qhele.Phofu ke mna andihambisani neqhinga lezikhohlakali.