16 Kaloku bona baxhwilwe kwangaphambi kwexesha labo;izikhukula zemka neziseko zabo.
17 Aba ngabo babesithi kuThixo: ‘Suka kuthi.Angasenza ntoni na uSomandla?’
18 Kambe ke ikwanguye ozalisa imizi yabo ngobuqhele-qhele.Phofu ke mna andihambisani neqhinga lezikhohlakali.
19 “Amalungisa ayakubona ukutshabalala kwezikhohlakali, asuke avuye;abamsulwa bahlekisa ngazo besithi:
20 ‘Inene, iintshaba zethu zitshatyalalisiwe,nobutyebi bazo budliwe ngumlilo.’
21 “Ngoko ke wena zilahlele kuThixo, ube noxolo kunye naye;kwakuba njalo ke uya kuzuza okulungileyo.
22 Yamkela imfundiso ephuma emlonyeni wakhe,uwamilisele entliziyweni yakho amazwi akhe.