20 ‘Inene, iintshaba zethu zitshatyalalisiwe,nobutyebi bazo budliwe ngumlilo.’
21 “Ngoko ke wena zilahlele kuThixo, ube noxolo kunye naye;kwakuba njalo ke uya kuzuza okulungileyo.
22 Yamkela imfundiso ephuma emlonyeni wakhe,uwamilisele entliziyweni yakho amazwi akhe.
23 Ewe, ukuba uyabuyela kuSomandla uya kwakheka;nto nje wena lahla la manyondololo aqhubeka kulo mzi wakho.
24 Igolide yakho yilahle,neyona yodidi yaseOfire yithathe njengamatye nje aphaya entlanjeni.
25 Kuphela igolide yakho mayibe nguSomandla,neengqumba zesiliva yakho mayibe kwanguye.
26 Wakuba wenjenjalo ke uya kukholosa ngoThixo uSomandla,ubujongise kuye ubuso bakho.