4 “Ngaba uThixo angakohlwaya na ngenxa yokuba umthobela,aze akumise enkundleni?
5 Akungebi ngokuba wone gqitha,nobugwenxa bakho bungenasiphelo?
6 Kaloku wena amawenu uwamisele isibambiso ngaphandle kwesizathu;ude uwohluthe nempahla yawo yokunxiba, asale eze.
7 Abadiniweyo benxaniwe awuluthobanga unxano lwabo,nabalambileyo ubavimbile ukutya.
8 Wena ubusisinhanha esinemihlaba;ubungummi obekekileyo.
9 Kanti awanelanga kukungancedi bahlolokazi,koko ude waxhaphaza wacinezela neenkedama ezi!
10 Ngoko ke ngoku ubhijelwe zizabatha;uminxwe naliphaphu.