6 Kaloku wena amawenu uwamisele isibambiso ngaphandle kwesizathu;ude uwohluthe nempahla yawo yokunxiba, asale eze.
7 Abadiniweyo benxaniwe awuluthobanga unxano lwabo,nabalambileyo ubavimbile ukutya.
8 Wena ubusisinhanha esinemihlaba;ubungummi obekekileyo.
9 Kanti awanelanga kukungancedi bahlolokazi,koko ude waxhaphaza wacinezela neenkedama ezi!
10 Ngoko ke ngoku ubhijelwe zizabatha;uminxwe naliphaphu.
11 Ngoku ukhulelwe bubumnyama, awuboni;ugutyungelwe naziimpuphuma.
12 “Andithi na kaloku uThixo yena uhlala emajukujukwini amazulu?Neenkwenkwezi ngokwazo kuloo malenga-lenga zikuwo yena uzivelele.