2 “Nanamhlanje ndisamkhalazela ndikrakra uThixo,kuba undiphethe gadalala nakuba sendincwina kangaka nje!
3 Akwaba bendimazi apho akhoyo,ndiyazi nendlela eya apho ahlala khona.
4 Bendiya kusibeka isikhalo sam phambi kwakhe,ndixoxe ndizithethelele.
5 Bendiya kukhe ndimve ukuba uthini na;ndive ukuba uthetha ntoni na.
6 Ngaba angasunduzana nam ngaloo mandla akhe?Hayi, uThixo ngeke akwenze oko.
7 Kaloku enkundleni yakhe amalungisa aphuma phambili.Ke ngoko uMgwebi wam ebeya kundigwebela kuphele.
8 “Ndikhangele ndamfuna empumalanga, kodwa andimfumani;ukanti nasentshonalanga andimbhaqanga.