8 “Ndikhangele ndamfuna empumalanga, kodwa andimfumani;ukanti nasentshonalanga andimbhaqanga.
9 Nokuba usebenza kwelasentla andimboni;xa ebuyela kwelasezantsi usithele emehlweni am.
10 Phofu ke uThixo uyayazi indlela endiyihambayo;ukuba unokukhe andivavanye ndingafumaneka ndimsulwa okwegolide.
11 Kaloku iinyawo zam zilandela emkhondweni wakhe;indlela yakhe ndiyigcinile, andaphambuka kuyo.
12 Andiyishiyanga imiyalelo yemilebe yomlomo wakhe;andenzanga ngokufuna kwam, koko ndiwathobele amazwi akhe.
13 Xa enze isigqibo ngubani ongamjikayo?Oko afuna ukukwenza uyakwenza.
14 Ngoko ke uya kukufezekisa konke oko andimisele kona,nditsho nokuba yintoni na ayicebileyo ngam.