2 “Kuthi mandivume ndithi ùluncedo kwababhetye-bhetye!Hayi kambe ukubahlangula kwakho abo baswele amandla!
3 Ewe, uzicebise kakuhle izityhakala;hayi, ubulumko obubonakalisileyo!
4 Phofu uthi ngubani ongade aweve la mazwi akho?Khona futhe lini eli uthetha uphantsi kwalo?”
5 “Abafileyo bayabhinyalaza kukunkwantya,kanti ke nelo lamanzi liyazibhija-bhija kunye nabemi balo.
6 Ewe, elabafileyo lityhilekile phambi koThixo;ayinasigqubuthelo inzonzobila.
7 Kaloku uThixo wasitwabulula isibhakabhaka ngasentla phaya,waza umhlaba wawujingisa enyanyeni.
8 Nguye ofaka amanzi kwiingqimba zamafu,aze loo mafu awabophe angagqajuzwa bobo bunzima bamanzi.