10 Khona bangaziyolisa na ngoSomandla?Bangamnqula na uThixo ngamaxesha onke?
11 “Makhe ndinifundise ngobukhulu bamandla kaThixo;mandingazifihli izicwangciso zikaSomandla.
12 Hayi gxebe, senizibonele nje ngokwenu;ngani ke ukuba nibe sathetha imfungu-mfungu enje?
13 “Naso ke isabelo sezikhohlakali kuThixo;elo ke lilifa lezibhoja kuSomandla.
14 Noba zingade zibe nenyambalala yoonyanabosuka babe lilifa lekrele emfazweni;ewe, inzala yazo yasoloko ithiwe nca liphango!
15 Nemingqandanda esindileyo itshayelwa ngubhubhani,baze nabahlolokazi bazo bangalili nokulila.
16 Noba zingade zibe nemfumba yesiliva ngathi luthuli,zibe nempahla yokwambatha efumbe okodongwe,