17 kosuka kuthi gqi lungisa lithile inxitywe lilo loo mpahla;kosuka kuvele abantu abamsulwa babelane ngaloo siliva.
18 Isikhohlakali sakha indlu efana nesingxobo seqonya;sakha into engathi liphempe labalindi.
19 Isikhohlakali silala sinobutyebi, kodwa siyagqibelisa –sivuka sebuphel' emehlweni.
20 Sisuka sirhwaqele ngathi siyarhaxwa;kaloku sitshayelwa sisaqhwithi ngobhadakazi.
21 Kufika umoya wasempuma usitshayele,usuke usinqukrule singabi sazana nekhaya laso.
22 Usuka usilenge ungenalusini tu;nakanjani kufuneka siwasabe amandla awo.
23 Ewe, umoya usiqhwabela izandla,usihewule isikhohlakali simke endaweni yaso.”