2 “Ekho nje uThixo, lo undivimb' ubulungisa,nditsho uSomandla lo uwenze umphefumlo wam wangcamla ubukrakra:
3 Ukuba ndisaxomoloza ndisadl' amazimba,xa ngaba ndisaphila ndinomphefumlo kaThixo emathatheni am,
4 imilebe yam ayisokuze ithethe inkohlakalo,ngokunjalo nolwimi lwam alusoze luthethe inkohliso.
5 Andisoze ndithi ninyanisile,futhi ndiya kude ndife ndibambelele kwinyaniso yokuba ndimsulwa.
6 Ndiya kuthi nca kwinto yokuba ndililungisa;andisoze ndibe nasazela yonke imihla yam.
7 “Akwaba utshaba lwam lwafumana isohlwayo sabakhohlakeleyo,ngokunjalo nombandezeli wam azuze isiphelo sabangenabulungisa.
8 Liyintoni na ithemba labangenaThixomhla wabunqumla ubomi babo uThixo?