7 “Akwaba utshaba lwam lwafumana isohlwayo sabakhohlakeleyo,ngokunjalo nombandezeli wam azuze isiphelo sabangenabulungisa.
8 Liyintoni na ithemba labangenaThixomhla wabunqumla ubomi babo uThixo?
9 Xa sele kunyembelekile kubo,uthi uThixo angaze asive isikhalo sabo?
10 Khona bangaziyolisa na ngoSomandla?Bangamnqula na uThixo ngamaxesha onke?
11 “Makhe ndinifundise ngobukhulu bamandla kaThixo;mandingazifihli izicwangciso zikaSomandla.
12 Hayi gxebe, senizibonele nje ngokwenu;ngani ke ukuba nibe sathetha imfungu-mfungu enje?
13 “Naso ke isabelo sezikhohlakali kuThixo;elo ke lilifa lezibhoja kuSomandla.