10 Basuka bagqobhoze iitonela emaweni,lize iliso labo liwabhaqe amatye axabisekileyo.
11 Imithombo yakhona bayayivingca ingampompozi,baze bazidandalazise izinto ezifihlakeleyo.
12 “Kambe ke, bungaze bufumaneke phi ubulumko?Khona lona ulwazi lungazuzwa phi?
13 Ewe, ubulumko abunakufumaneka ebantwini;kaloku akukho namnye ulaziyo nexabiso labo.
14 Andithi na kaloku kwankqu neenzonzobila ezinzongo-nzongo,nditsho neelwandle, ziyabulandula?
15 Kaloku bona abungekhe bufumaneke nangegolide ecikizekileyo,kanti nentabalala yesiliva ayinako ukubuhlawula.
16 Neyona golide yaseOfire iyalaba-laba kwixabiso labo;nditsho namatye exabiso, nokuba yionike okanye yisafire.