12 “Kambe ke, bungaze bufumaneke phi ubulumko?Khona lona ulwazi lungazuzwa phi?
13 Ewe, ubulumko abunakufumaneka ebantwini;kaloku akukho namnye ulaziyo nexabiso labo.
14 Andithi na kaloku kwankqu neenzonzobila ezinzongo-nzongo,nditsho neelwandle, ziyabulandula?
15 Kaloku bona abungekhe bufumaneke nangegolide ecikizekileyo,kanti nentabalala yesiliva ayinako ukubuhlawula.
16 Neyona golide yaseOfire iyalaba-laba kwixabiso labo;nditsho namatye exabiso, nokuba yionike okanye yisafire.
17 Ewe, abunakulinganiswa negolide,ukanti abunakuthelekiswa nayo nemveliso yegolide,nditsho nayo neglasi yodidi.
18 Asisathethi ke ngeekorale neekristale,kuba kaloku bona ubulumko bubalasele ngexabiso,ndithi bugqwesa kwaiiperile.