19 Ewe, netopazi yaseKushe ayinakulinganiswa nabo,ngokunjalo abunakuthengwa nangeyona ihluziweyo igolide.
20 Ke, ngaba uphi owona mthombo wobulumko?Umntu angalufumana phi ulwazi?
21 Abubonakali kuzo zonke izinto eziphilileyo,nditsho nakweyona intingayo intaka.
22 Ewe, nokufa nentshabalalo, zombini ziyavuma,zithi: ‘Luvakele nje umingi-mingi ngabo ezindlebeni zethu!’
23 NguThixo kuphela owaziyo ngobulumko;nguye owaziyo umthombo wabo.
24 Kaloku yena ubona nditsho namaphethelo ehlabathi,kuba kuye akukho nanye into efihlakeleyo phantsi kwamazulu.
25 Ngokuya uThixo wayemisela umoya amandla awo,namanzi ewacandela umda wawo,