3 Nenzonzobila yobumnyama abantu bayayihlola-hlola;baphicotha namathumbu omhlaba,baze bembe bacubungule kwimiwewe enzongo-nzongo yenzonzobila.
4 Kude lé kwelimiweyo,apho kungazange kwathi cakatha mntu,abantu bayemba bavule imigodi,bajinga-jinge kwalunkcwe,bebotshelelwe ngeentambo.
5 Phezulu apha lo mhlaba uvelisa ukudla;kanti ngaphantsi phaya ubhukuqwa ngathi ngumlilo.
6 Kumatye omhlaba kuphuma iisafire,kanti ke lona uthuli lwawo luvelisa igolide.
7 Amaxhalanga ngokwawo akazazi iindlela zasemigodini phaya,ngokunjalo zange zalanywa naliliso likakhetshe.
8 Amarhamncwa anyalasayo akazange athi cakatha unyawo apho,nkqu nengonyama ayizange yadlula khona.
9 Kaloku abantu baqhekeza bagqale nditsho nenyengane le;ewe, neentaba ngokwazo bayazibhukuqa, bazisiphule neengcambu.