7 Amaxhalanga ngokwawo akazazi iindlela zasemigodini phaya,ngokunjalo zange zalanywa naliliso likakhetshe.
8 Amarhamncwa anyalasayo akazange athi cakatha unyawo apho,nkqu nengonyama ayizange yadlula khona.
9 Kaloku abantu baqhekeza bagqale nditsho nenyengane le;ewe, neentaba ngokwazo bayazibhukuqa, bazisiphule neengcambu.
10 Basuka bagqobhoze iitonela emaweni,lize iliso labo liwabhaqe amatye axabisekileyo.
11 Imithombo yakhona bayayivingca ingampompozi,baze bazidandalazise izinto ezifihlakeleyo.
12 “Kambe ke, bungaze bufumaneke phi ubulumko?Khona lona ulwazi lungazuzwa phi?
13 Ewe, ubulumko abunakufumaneka ebantwini;kaloku akukho namnye ulaziyo nexabiso labo.