1 Ke kaloku uYobi wathathisa wathetha wenjenje:
2 “Awu, akwaba ibinokubuyiselwa kum imihla yamandulo,ngokuya uThixo wayesandilondolozile,
3 xenikweni isibane sakhe besikhanya phezu kwentloko yam,xa ndanditabhata nasebumnyameni endikhanyisela.
4 Ewe, ngaloo mihla yamfamlibe ndandimi kakuhle;bendilala ngangubo-nye noThixo emzini wam.
5 USomandla wayengakum ngoko,ndiphahlwe ngabantwana bam.
6 Ngaloo mihla amasi ayedlal' abantwana kwam;ke yona iminquma ichuma nasematyeni, ithulula ioyile.