12 Kaloku ndandisabela ndiwahlangule amahlwempu esakukhala;ukanti ndazibonelela neenkedama ezazingenamncedi.
13 Ababesindakala ndaza ndabanceda babendincoma,ukanti nabahlolokazi ndandibanceda batsho baba neengoma ezintliziyweni zabo.
14 Ndandivatha ubulungisa njengesinxibo sam;ukwenza okulungileyo kwakuyingubo yam neqhiya yam.
15 Ndandingamehlo kwiimfama,ndiziinyawo koqhwalelayo.
16 Ndandingutata kumahlwempu,neengxaki zabasemzini bendizithabathela kum.
17 Yayindim umaphul' iimpondo kwizibhoja,amaxhoba azo ndiwathi hlasi emilonyeni yazo.
18 “Ndandisithi: ‘Ndiya kukhula ndide ndikhokhobe endlwini yam,nemihla yam ibe mininzi njengentlabathi.’