4 Ewe, ngaloo mihla yamfamlibe ndandimi kakuhle;bendilala ngangubo-nye noThixo emzini wam.
5 USomandla wayengakum ngoko,ndiphahlwe ngabantwana bam.
6 Ngaloo mihla amasi ayedlal' abantwana kwam;ke yona iminquma ichuma nasematyeni, ithulula ioyile.
7 “Ndandisithi ndakufika enkundleni ngasesangweni,ndakuthi zinzi phakathi kwamadoda amakhulu,
8 abafana bathi gu bucala,ke zona iingwevu zime ngeenyawo.
9 Ewe, ayesuka aphel' emqaleni kumatshawe,ufike selethe khebevu!
10 Izikhulu zazisithi cwakangathi ulwimi lukhulekiwe enkalakahleni.