8 abafana bathi gu bucala,ke zona iingwevu zime ngeenyawo.
9 Ewe, ayesuka aphel' emqaleni kumatshawe,ufike selethe khebevu!
10 Izikhulu zazisithi cwakangathi ulwimi lukhulekiwe enkalakahleni.
11 Abandiva ndithetha babendincoma,kanti ababona izinto endizenzayo babendingqinela.
12 Kaloku ndandisabela ndiwahlangule amahlwempu esakukhala;ukanti ndazibonelela neenkedama ezazingenamncedi.
13 Ababesindakala ndaza ndabanceda babendincoma,ukanti nabahlolokazi ndandibanceda batsho baba neengoma ezintliziyweni zabo.
14 Ndandivatha ubulungisa njengesinxibo sam;ukwenza okulungileyo kwakuyingubo yam neqhiya yam.