1 Emva koko ke uYobi wathetha wawuqalekisa umhla awazalwa ngawo.
2 Ewe, uYobi uvakele esithi:
3 “Ngamana zange wathwasa umhla endazalwa ngawo;nditsho nobo busuku apho kwathiwa: ‘Namhlanje kukhawulwe indoda!’
4 Akwaba loo mini yayingumnyam' ombonde-mbonde;mini leyo noThixo kweliphezulu angayihoyanga;mini ingazange yabonana nokukhanya!
5 Ngeyambathiswe sisiphitha-nyongo sobumnyama;ngeyisityekelwe ziingqimba zamafu.Loo mini ngeyirhwaqeliswe sisithokothoko sobumnyama;
6 nobo busuku ngebambathiswe sisithokothoko,suka àbabalelwa kwimihla yonyaka,àbakhankanywa phakathi kweentsuku zeenyanga.
7 Ewe, akwaba obo busuku babuludlolo;akwaba kwakungavakalanga kumemelela kubo.