10 Kaloku ayizivalanga iingcango zesizalo esandizalayo,ayandiphephisa kule nkxwaleko ndikuyo.
11 “Kwakungani ndingafi ndingekazalwa nje,okanye ndife ndisazalwa?
12 Ngani ukuba uma andisingathe emadolweni?Khona, kwakutheni ukuba andincancise ibele?
13 Kuba xa bekungenjalo, ngendalala ndazola;ewe, ngendiphumle kobandayo,
14 ndawonye nezikumkani namaphakathi,lawo awavusayo amanxuwa;
15 ngoku ngendikunye namatshawe,azindlu zazizele yigolide nesiliva.
16 Ngani ukuba ndingafihlwanga njengomphunzo,njengemveku engalibonanga ilanga?