11 “Kwakungani ndingafi ndingekazalwa nje,okanye ndife ndisazalwa?
12 Ngani ukuba uma andisingathe emadolweni?Khona, kwakutheni ukuba andincancise ibele?
13 Kuba xa bekungenjalo, ngendalala ndazola;ewe, ngendiphumle kobandayo,
14 ndawonye nezikumkani namaphakathi,lawo awavusayo amanxuwa;
15 ngoku ngendikunye namatshawe,azindlu zazizele yigolide nesiliva.
16 Ngani ukuba ndingafihlwanga njengomphunzo,njengemveku engalibonanga ilanga?
17 Kaloku apho nezikhohlakali azikhathazi mntu,nabadiniweyo baxhamla ukuphumla.