14 ndawonye nezikumkani namaphakathi,lawo awavusayo amanxuwa;
15 ngoku ngendikunye namatshawe,azindlu zazizele yigolide nesiliva.
16 Ngani ukuba ndingafihlwanga njengomphunzo,njengemveku engalibonanga ilanga?
17 Kaloku apho nezikhohlakali azikhathazi mntu,nabadiniweyo baxhamla ukuphumla.
18 Khona amabanjwa azonwabele;ahlukene nokungxoliswa yinduna yawo.
19 Apho bandawonye abaphakamileyo nabaphantsi,nkqu nekhoboka likhululekile kumninilo.
20 “Ngani ukuba abaza kubandezeleka balibone ilanga,abangcungcuthekayo babudle ubomi?