19 Apho bandawonye abaphakamileyo nabaphantsi,nkqu nekhoboka likhululekile kumninilo.
20 “Ngani ukuba abaza kubandezeleka balibone ilanga,abangcungcuthekayo babudle ubomi?
21 Bona balangazelela ukufa, kungafiki noko;bakuzingela ngathi bafuna ubutyebi.
22 Abavuyi bayachulumacha,bachwayitile xa bedibana nengcwaba.
23 Ngani ukuba balibone ilanga abandlela imfiliba,abo babiyelweyo nguThixo?
24 Kuba ukutya kwam yincwina;ukugcuma kumpompoza njengamanzi.
25 Kuba ndihlelwa zezo zinto zindinkwantyisayo;ezindinxunguphalisayo zezona zindihlelayo.