1 “Xa kunamhlanje-nje sendisisigculelo nakubafana abayise bendingabazele nto,ebendingeze ndabashiya nezinja zam ezalusa iigusha.
2 Bebeligquba nje ekungekho yalo,amabhetye-bhetye angenakwenza nto tu!
3 Bangamahlwempu alambayo, ahamba ngobusuku,ufike enqunquda iingcambu emqwebedwini phaya.
4 Balamba kangangokuba ungafika besimba iinqoba emqwebedwini,bade batye neengcambu zemithi.
5 Abantu babagxothile phakathi kwabo;basuke babahewula bangathi bachil' isela!
6 Kuye kwanyanzeleka ukuba baye kuhlala emiqolombeni,emingxunyeni, nasezimfanteni emaweni.
7 Bakhonya phakathi kwamatyholo,ufike sebethe buthalala phantsi kwemithi.