12 Ngasekunene bafunzela ukundihlasela belihlokondiba;ewe, bayandijoka, futhi sebezimisele ukundihlabanisela.
13 Bayandiqhiwulela endleleni, befuna ukundigqiba,besithi: ‘Akanabani ongamncedayo.’
14 Bandihlasela ngathi batyhoboza kwindawo ebanzi;baphoseka kum becanda amabhodlo.
15 Ngoku ke sendirhawulwe kukunkwantya;isidima sam sivuthuluke ngathi siyavuthelwa,ukukhuseleka kwam kubhange oku komfankungu.
16 “Ngoku ndisebugxwayibeni,kuba imihla yenkathazo indibambile.
17 Ebusuku ndiqaqanjelwa nangamathambo la;iintlungu ezindidlayo azipheli.
18 Ndigxavulwa ngeempahla zokunxiba, ndidlakazeliswe;ndiyakrwitshwa sisambatho, ndibanjwe ngobhongwana.