14 Bandihlasela ngathi batyhoboza kwindawo ebanzi;baphoseka kum becanda amabhodlo.
15 Ngoku ke sendirhawulwe kukunkwantya;isidima sam sivuthuluke ngathi siyavuthelwa,ukukhuseleka kwam kubhange oku komfankungu.
16 “Ngoku ndisebugxwayibeni,kuba imihla yenkathazo indibambile.
17 Ebusuku ndiqaqanjelwa nangamathambo la;iintlungu ezindidlayo azipheli.
18 Ndigxavulwa ngeempahla zokunxiba, ndidlakazeliswe;ndiyakrwitshwa sisambatho, ndibanjwe ngobhongwana.
19 UThixo undiphose eludakeni;andisento, sendifana nothuli nothuthu.
20 Ndiba ngakhala ndikubongoza, akundiphenduli;ndiba ngazibika kuwe, akundihoyi.