17 Ebusuku ndiqaqanjelwa nangamathambo la;iintlungu ezindidlayo azipheli.
18 Ndigxavulwa ngeempahla zokunxiba, ndidlakazeliswe;ndiyakrwitshwa sisambatho, ndibanjwe ngobhongwana.
19 UThixo undiphose eludakeni;andisento, sendifana nothuli nothuthu.
20 Ndiba ngakhala ndikubongoza, akundiphenduli;ndiba ngazibika kuwe, akundihoyi.
21 Wena ngoku ujike wandikhohlakalela,undihlasela ngengalo yakho enamandla.
22 Uyandiphakamisa undiyekele ngomoya undibhudle;ndiyaqotha-qotheka ndiqwengwa sisaqhwithi.
23 Ndiyaqonda ke ukuba undinikezela ekufeni,apho baya kuphelela khona bonke abaphilayo.