19 UThixo undiphose eludakeni;andisento, sendifana nothuli nothuthu.
20 Ndiba ngakhala ndikubongoza, akundiphenduli;ndiba ngazibika kuwe, akundihoyi.
21 Wena ngoku ujike wandikhohlakalela,undihlasela ngengalo yakho enamandla.
22 Uyandiphakamisa undiyekele ngomoya undibhudle;ndiyaqotha-qotheka ndiqwengwa sisaqhwithi.
23 Ndiyaqonda ke ukuba undinikezela ekufeni,apho baya kuphelela khona bonke abaphilayo.
24 “Kambe akukho hlwempu elizibikayo endingalincedanga,nditsho elaliphakamisela izandla kum licela uncedo.
25 Andithi na kaloku ndandilila kunye nabasezingxakini,umphefumlo wam udandatheka ngenxa yamahlwempu?