26 Mna ndithe ndijonge okuhle kwathi gqi okubi;bendilindele ukukhanya, suka kwathi nyalulu ubumnyama.
27 Ndithiwe fithi lunxunguphalo, alundiphe thuba;imihla ngemihla ndihlangatyezwa yinkathazo.
28 Ukukhanya akukho, ndihamba ndigutyungelwe bubumnyama;into endiyenzayo embizweni kukuzibika.
29 Ngoku sendingumlingane woodyakalashe;ewe, ndiliqabane leenciniba.
30 Ulusu lwam selujike lwamnyama, futhi luyaxobuka,ibe ke nomzimba wam lo uyagcadeka.
31 Ihapu yam ngoku seyijike yaba yeyesililo,nefluthi yam ngoku seyisenza isijwili.”