1 “Ke mna ke sendazimisela ngomxhelo wam wonkeukuba kungáze kubekho ntombi ndiyincwasayo.
2 Ke, siyintoni isabelo somntu kuThixo?Liyintoni ilifa kuSomandla kweliphezulu?
3 Abangalunganga ubathwaxa ngezibetho,aze abo bangamatshijolo abayekele ngentlekele.
4 Andithi na kaloku yena uyazazi iindlela zam,ewabala onke amanyathelo am?
5 “Ndiqinisekile andizange ndenze buqhophololo,ndingazanga ndakhohlisa mntu.
6 Makhe ndibekwe esikalini kungekho xanasiukuze uThixo aqonde ukuba ndimsulwa.
7 Ukuba ngaba nditenxile endleleni,ndaza ke ndabhaduliswa yiminqweno,okanye ukuba izandla zam zidyojwe bububi,