5 “Ndiqinisekile andizange ndenze buqhophololo,ndingazanga ndakhohlisa mntu.
6 Makhe ndibekwe esikalini kungekho xanasiukuze uThixo aqonde ukuba ndimsulwa.
7 Ukuba ngaba nditenxile endleleni,ndaza ke ndabhaduliswa yiminqweno,okanye ukuba izandla zam zidyojwe bububi,
8 izilimo zam mazixhatshazwe mntu wumbi,yonke into endiyilimileyo mayincothulwe neengcambu.
9 “Ukuba ngaba ndikhe ndancwasa omnye umfazi,okanye ndaya kumxhwarhela ngasemasangweni ommelwane,
10 umfazi wam ngamana wagubela enye indoda;ewe, ngamana wambathwa bantu bambi.
11 Kuba eso ingaba sisenzo esigwenxa,ingaba lityala elifanelwe kukugwetywa.