18 Hayi, mna andisenakuzibamba ndithi cwaka,kuba kuninzi ukuthetha kum.
19 Hayi, ngenene ndifana nemvaba yewayini ebila ingavulwanga –xa ndingaphokozi ndosuka ndigqabhuke.
20 Ewe, manditheth' ukuze kuthi qabu;mandiwuvule umlomo wam ndiphendule.
21 Mna andiz' ukuceng' usolala phi,ndiza kutheth' utyhatyhiwe ndingalalanisi.
22 Kambe akunto yam ukulalanisa;xa bekunjalo uMdali wam ebengandicim' igama ngoko nangoko!